1 Waye uAhabhi enoonyana abamashumi asixhenxe kwaSamari. Wabhala incwadi uYehu, wathumela kwaSamari kubathetheli baseYizereli, kumadoda amakhulu, nakubondli bentsapho ka-Ahabhi, wathi,
2 Ngoku ke, xa ifikileyo kuni le ncwadi, bekuni nje oonyana benkosi yenu, zikuni nje iinqwelo zokulwa, namahashe, nomzi onqatyisiweyo, nezikrweqe;
3 khangelani oyena ufanelekileyo, othe tye, koonyana benkosi yenu, nimbeke etroneni yoyise, niyilwele indlu yenkosi yenu.
4 Boyika kakhulu kunene, bathi, Yabonani, ookumkani bebabini abemanga phambi kwakhe; sothini na ukumisa thina?
5 Bathuma ophethe indlu, nophethe umzi, namadoda amakhulu, nabondli, kuYehu, bathi, Singabakhonzi bakho; konke oya kukuthetha kuthi, sokwenza; asiyi kumisa mntu abe ngukumkani; yenza ngokubona kwakho.
6 Wababhalela eyesibini incwadi, esithi, Ukuba ningakum, niphulaphula izwi lam, thabathani iintloko zamadoda angoonyana benkosi yenu, nizizise kum eYizereli eli xa ngomso.Ke, oonyana bokumkani, bengamashumi asixhenxe amadoda, babekwizikhulu zomzi, ezibe zibakhulisa.