14 Wathi, Babambeni behleli. Bababamba behleli, babasika ngasemhadini wendlu yokucheba; babengamadoda angamashumi omané anamabini; akasalisa mntu kubo.
15 Uthe akunduluka khona, wafumanana noYehonadabhi unyana kaRekabhi, emkhawulela; wambulisa, wathi kuye, Ithe tye na intliziyo yakho, njengokuba injalo intliziyo yam kwintliziyo yakho? Wathi uYehonadabhi, Injalo. Wathi, Ukuba injalo ke, ethe isandla sakho. Wamnika isandla sakhe. Wamnyusa wamkhwelisa enqwelweni.
16 Wathi, Hamba nam, ubone ikhwele lam ngenxa kaYehova. Bamkhwelisa ke naye enqwelweni yakhe.
17 Weza kwaSamari, wababulala bonke abaseleyo kuAhabhi kwaSamari, wada wamtshabalalisa ngokwelizwi likaYehova, abelithethile kuEliya.
18 UYehu wabahlanganisa bonke abantu, wathi kubo, UAhabhi wamkhonza kancinane uBhahali,* uYehu yena uya kumkhonza kakhulu.
19 Ke ngoko babizeleni kum abaprofeti bakaBhahali bonke, abakhonzi bakhe bonke, nababingeleli bakhe bonke. Makungabikho mntu ungekhoyo; ngokuba ndinombingelelo omkhulu kuBhahali. Bonke abathe àbabakho, abayi kudla bomi. UYehu waye esenza le nto ebalalanisa, ukuze abatshabalalise abakhonzi bakaBhahali.
20 Wathi uYehu, Mmemeleni ingqungquthela engcwele uBhahali. Bayimema ke.