3 Kodwa izigánga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni.
4 Wathi uYowashe kubabingeleli, Yonke imali yezinto ezingcwalisiweyo, eziswayo endlwini kaYehova, imali yógqithela kwababaliweyo, nemali yomphefumlo walowo nalowo ngokulinganiselwa kwakhe, nemali yonke ekuthe qatha entliziyweni yomntu, ukuba ayizise endlwini kaYehova,
5 mabayithabathele kubo ababingeleli, elowo ayithabathe kwabazana naye, batywine iintanda zendlu, apho sukuba kufunyenwe uthanda khona.
6 Kwathi ngomnyaka wamashumi omabini anesithathu wokumkani uYowashe, ababingeleli bengekazitywini iintanda zendlu,
7 ukumkani uYowashe wambiza uYehoyada umbingeleli nabanye ababingeleli, wathi kubo, Yini na ukuba ningazitywini iintanda zendlu? Ke ngoko maningabi sathabatha mali kwabazana nani; yinikeleleni ukutywina iintanda zendlu.
8 Bakúvuma ababingeleli ukungabi sathabatha mali ebantwini, nokuthi zingàtywinwa ngabo iintanda zendlu.
9 UYehoyada umbingeleli wathabatha umkhombe, waphehla intunja esicikweni sawo, wawubeka ecaleni lesibingelelo, ngasekunene ekungeneni endlwini kaYehova, ukuze ababingeleli abagcina umbundu womnyango bayibeke khona yonke imali eziswayo endlwini kaYehova.