3 Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wawanikela esandleni sikaHazayeli ukumkani wakwa-Aram,* nasesandleni sikaBhenhadadi, unyana kaHazayeli, yonke imihla.
4 UYehowahazi wambongoza uYehova; uYehova wamva ke; ngokuba wakubona ukuxinwa kwamaSirayeli; ngokuba ukumkani wama-Aram wayewaxinile.
5 (UYehova wawanika amaSirayeli umsindisi, aphuma phantsi kwesandla sama-Aram; bahlala oonyana bakaSirayeli ezintenteni zabo, njengokwangaphambili;
6 nakuba babengatyekanga ezonweni zendlu kaYarobheham awawonisa ngazo amaSirayeli, asuka ahamba kuzo; noAshera* wayesemi kwaSamari.)
7 Ngokuba akamshiyelanga bantu uYehowahazi, yaba ngamashumi amahlanu abamahashe, neshumi leenqwelo zokulwa, neshumi lamawaka omqikela; ngokuba wabatshabalalisa ukumkani wakwa-Aram, wabenza baba njengothuli lokunyathelwa.
8 Ezinye izinto zikaYehowahazi, nako konke awakwenzayo, nobukroti bakhe, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
9 Walala uYehowahazi kooyise, bamngcwabela kwaSamari. UYehohashe, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.