15 UAhazi ukumkani wamwisela umthetho u-Uriya umbingeleli, wathi, Phezu kwesibingelelo esikhulu qhumisela ngedini elinyukayo lokusa, nangomnikelo wokudla wangokuhlwa, nangedini elinyukayo lokumkani, nangomnikelo wakhe wokudla, nangedini elinyukayo labantu bonke belizwe, nangomnikelo wabo wokudla, nangeminikelo yabo ethululwayo, utshize kuso ngegazi lonke ledini elinyukayo, negazi lonke lombingelelo; ke sona isibingelelo sobhedu ndiya kukha ndibuzise ngaso.
16 Wenza ke u-Uriya umbingeleli njengako konke awamwisela umthetho ngako ukumkani uAhazi.
17 Ukumkani uAhazi waziqhawula iipanele* zeenqwelwana, wazisusa kuzo iingqayi; waluthula ulwandle ezinkomeni zobhedu, ezibe zingaphantsi kwalo, walubeka phezu kwesiseko samatye.
18 Igumbi elisithelisiweyo lesabatha, ababelakhé ngasendlwini, nendawo yokungena ukumkani ebingaphandle, wayishenxisela endlwini kaYehova, ngenxa yokumkani waseAsiriya.
19 Ezinye izinto zika-Ahazi awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
20 Walala uAhazi kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide; waba ngukumkani uHezekiya unyana wakhe esikhundleni sakhe.