25 Kwathi ekuqaleni kokuma kwabo khona, àbamoyika uYehova; uYehova wathuma iingonyama phakathi kwabo; zaya zibulala phakathi kwabo.
26 Bathetha ke kukumkani waseAsiriya, bathi, Iintlanga ozifudusileyo, wazibeka emizini yelakwaSamari, àzilazi isiko loThixo weli lizwe; úzithumele ke iingonyama; yabona, ziyazibulala, ngokokuba zingalazi isiko loThixo weli lizwe.
27 Wawisa umthetho ukumkani waseAsiriya wathi, Yisani wathi, Yisani apho omnye wababingeleli enabafudusa khona, aye ahlale khona, abafundise isiko loThixo weli lizwe.
28 Waya ke omnye wababingeleli, ababefudusiwe kwelakwaSamari, wahlala eBheteli, wamana ebafundisa ukuba mabathini na ukumoyika uYehova.
29 Lwaye uhlanga ngohlanga lusenza oothixo balo, lubamisa ezindlwini zezigánga awazenzayo amaSamari, uhlanga ngohlanga emizini yalo, apho beluhlala khona.
30 Amadoda aseBhabheli enza uSukoti-bhenoti*, amadoda aseKuti enza uNeregale;* amadoda aseHamati enza uAshima;*
31 awaseAya enza uNibhehas* noTartake;* awaseSefarvayim atshisa oonyana bawo ngomlilo kuAdrameleki noAnameleki, oothixo baseSefarvayim.