1 Ngemihla yakhe kwenyuka uNebhukadenetsare, ukumkani weBhabheli. UYehoyakim waba ngumkhonzi kuye iminyaka emithathu, wabuya wagwilika kuye.
2 UYehova wamthumela izimpi zamaKaledi, nezimpi zama-Aram,* nezimpi zakwaMowabhi, nezimpi zoonyana baka-Amon, wazithumela elakwaYuda, ukuba zilitshabalalise ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngabakhonzi bakhe abaprofeti.
3 Kwaye kungomlomo kaYehova wodwa ukwenzeka kwale nto kumaYuda, ukuba awasuse ebusweni bakhe ngenxa yezono zikaManase, njengako konke awakwenzayo;
4 nangenxa yegazi elingenatyala awaliphalazayo; wayizalisa iYerusalem ngegazi elingenatyala; akavumanga uYehova ukuxolela.
5 Ezinye izinto zikaYehoyakim, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
6 Walala uYehoyakim kooyise; uYehoyakin, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
7 Akabanga saphinda ukumkani waseYiputa aphume ezweni lakhe; ngokuba ukumkani waseBhabheli wayezithimbile zonke izinto ezizezokumkani waseYiputa, eqalele emlanjeni waseYiputa, wada wesa emlanjeni ongumEfrati.