17 Ukumkani waseBhabheli wamenza uMataniya, uyisekazi kaYehoyakin, ukumkani esikhundleni sakhe; waliguqula igama lakhe languZedekiya.
18 UZedekiya ubeminyaka imashumi mabini anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguHamutali, intombi kaYeremiya waseLibhena.
19 Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uYehoyakim.
20 Ngokuba ngenxa yomsindo kaYehova kwenzeka oko eYerusalem nakwaYuda, wada wabalahla ebusweni bakhe.UZedekiya wamana egwilika kukumkani waseBhabheli.