1 Kwathi ngomnyaka wesithoba wobukumkani bakhe, ngenyanga yeshumi, ngosuku lweshumi enyangeni leyo, wayifikela iYerusalem uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli; yena nempi yakhe yonke wayirhawula; wákha iinqaba zokubonisela ngeenxa zonke.
2 Wangqingwa ke umzi, kwada kwangumnyaka weshumi elinamnye wokumkani uZedekiya.
3 Ngosuku lwesithoba lwenyanga yesiné yaqina indlala phakathi komzi; ababa nasonka abantu belizwe.
4 Wagqojozwa umzi, asaba onke amadoda okulwa ngobusuku, ngendlela yesango eliphakathi kweendonga zombini, elisemyezweni wokumkani (aye amaKaledi ewujikelezile umzi); wahamba ukumkani ngendlela yaseArabha.
5 Impi yamaKaledi yamsukela ukumkani, yamfikela ezinkqantosini zaseYeriko, yamphalala, yemka kuye yonke impi yakhe.
6 Ambamba ukumkani, anyuka naye, amsa kukumkani waseBhabheli eRibhela; lathethwa apho ityala lakhe.