1 Ke kaloku uNahaman, umthethelimkhosi wokumkani wakwa-Aram,* waye eyindoda enkulu enkosini yakhe, ebekekileyo; ngokuba uYehova wayewanike ama-Aram usindiso ngaye. Loo ndoda yabe iligorha, ilikroti, kodwa ineqhenqa.
2 Ama-Aram ayephume aya kututa, athimba ezweni lakwaSirayeli intombazana; yasisicakakazi kumkaNahaman.
3 Yathi kwinkosikazi yayo, Akwaba inkosi yam le ibiphambi komprofeti okwaSamari! Ubeya kuyiphilisa eqhenqeni layo.
4 Waya wayixelela inkosi yakhe, wathi, Ithe yathi, yathi ukuthetha, intombi evela ezweni lakwaSirayeli.
5 Wathi ukumkani wama-Aram, Hamba uye, ndomthumela incwadi ukumkani wakwaSirayeli.Wahamba, waphatha esandleni sakhe ishumi leetalente* zesilivere, namawaka amathandathu eeshekele* zegolide, neshumi leengubo zokukhululana.