8 Ke kaloku ukumkani wama-Aram* wayesilwa namaSirayeli, wacebisana nabakhonzi bakhe, esithi, Kuya kuba sekuthini, nasekuthini, apho ndolalisa khona.
9 Wathumela umfo wakwaThixo kukumkani wakwaSirayeli, esithi, Zigcine, ungegqithi kulaa ndawo; ngokuba ama-Aram ehla khona.
10 Ukumkani wamaSirayeli wathumela kuloo ndawo, abemxelele yona umfo wakwaThixo, embonisa; wazikhusela khona, akwaba kanye nakabini.
11 Yabhabhama intliziyo yokumkani wakwa-Aram yiloo nto; wabiza abakhonzi bakhe, wathi kubo. Ànindixeleli na ukuba ngubani na kuthi apha, ongakukumkani wakwaSirayeli?
12 Wathi omnye wakubakhonzi bakhe, Asisithi, nkosi yam kumkani; ke nguElisha, umprofeti okwaSirayeli, oxelela ukumkani wamaSirayeli amazwi owathetha usengontsini yakho yokulala.
13 Wathi, Yiyani, nikhangele apho akhona; ndithumèle, ndimthabathe. Waxelelwa kwathiwa, Nanko eDotan.
14 Wathumela khona amashashe, neenqwelo zokulwa, nempi eninzi; baya ebusuku, bawungqinga umzi.