6 Kuba iNkosi yayiwenzé umkhosi wama-Aram ukuba uve isandi seenqwelo zokulwa, isandi samahashe, nesandi sempi enkulu. Bathi omnye komnye, Niyabona, ukumkani wamaSirayeli usiqeshele ookumkani bamaHeti nookumkani bamaYiputa, ukuba basiwele.
7 Besuka ke, basaba ngongcwalazi, bazishiya iintente zabo, namahashe abo, namaesile abo eminqubeni, injengoko ibinjalo; basabisa ubomi babo.
8 Afika ke loo madoda aneqhenqa ekupheleni kweminquba, angena kwenye intente, adla, asela, athabatha apho isilivere negolide neengubo, aya kuziqhusheka; abuya, angena kwenye intente, athabatha nakhona, aya kuqhusheka.
9 Yathi enye kweny, Àsilungisi; le mini yimini yeendaba ezilungileyo, sithe cwaka nje; ukuba silindé kwada kwasa, siya kuzeka ityala. Hambani ke ngoko, siye sixele endlweni yokumkani.
10 Afika, abiza umlindi wesango lomzi, amxelela, athi, Sifiké eminqubeni yama-Aram, nanko kungekho mntu khona, nazwi lamntu, kuphela ingamahashe abotshelelweyo namaesile abotshelelweyo, neentente zinjengoko bezinjalo.
11 Bamemeza abalindi-masango omzi; baxelela indlu yokumkani ngaphakathi.
12 Wavuka ukumkani ebusuku, wathi kubakhonzi bakhe, Makhe ndinixelele into ayenzileyo kuthi ama-Aram. Ayazi ukuba silambile; aphumile eminqubeni, aya kuzímela endle, esithi, Bothi bakuphuma kuwo umzi, sibabambe behleli, singene kuwo umzi.