21 wabethwa ngubani na uAbhimeleki unyana kaYerubheshete? akagityiselwanga na yinkazana ngelitye lokusila eludongeni, wafela eTebhetse? ibiyini na ukuba nisondele kangaka eludongeni? uthi wena, Nomkhonzi wakho u-Uriya umHeti ufile naye.
22 Wahamba ke umthunywa, waya, wamxelela uDavide konke uYowabhi abemthume khona.
23 Wathi umthunywa kuDavide, Athi àkuseyisa thina amadoda, aphuma eza kuthi phandle; saba phezu kwawo ke, sada sesa ekungeneni kwesango;
24 batola abatoli kubakhonzi bakho beseludongeni, kwafa inxenye kubakhonzi bokumkani; umkhonzi wakho u-Uriya umHeti ufile naye.
25 Wathi uDavide kumthunywa lowo, Wòtsho kuYowabhi ukuthi, Mayingabi mbi emehlweni akho le ndawo; ngokuba ikrele eli lidla kuló nakulowa. Kómeleze ukulwa kwakho, nomzi lowo uwuchithe; uze umomeleze ke.
26 Weva umkaUriya ukuba ufile u-Uriya indoda yakhe, wayimbambazelela indoda yakhe.
27 Lakudlula ixesha lezila lakhe, wathumela uDavide, wamthabathela endlwini yakhe, waba ngumkakhe, wamzalela unyana. Ke loo nto wayenzáyo uDavide yaba mbi emehlweni kaYehova.