2 Usamuweli 22 XHO75

Ingoma yombulelo kaDavide

1 Wathetha uDavide kuYehova amazwi ale ngoma, mini uYehova wamhlangulayo esandleni seentshaba zakhe zonke, nasesandleni sikaSawule, wathi:

2 Yehova, ngxondorha yam, mboniselo yam, msizi wam mna lo,

3 Thixo oliliwa lam, endizímela ngalo;Ngweletshetshe yam, luphondo losindiso lwam,Ngxonde yam, ndawo yokusabela kwam,Msindisi wam, undisindisa ekugonyamelweni.

4 Ndinqula uYehova ongowokudunyiswa,Ndiyasindiswa ke ezintshabeni zam.

5 Ákundijikela amáza alwayo okufa,Yakundidandathekisa imilambo yobutshijolo,

6 Zakundibhijela izintya zelabafileyo,Zakundirhintyela izirhintyelo zokufa,

7 Ekubandezelekeni kwam, ndanqula uYehova,Ndamnqula uThixo wam:Waliva etempileni yakhe izwi lam,Ukuzibika kwam kwafika ezindlebeni zakhe.

8 Lahexa ke lanyikima ihlabathi,Iziseko zezulu zagungqa,Zahexa ngokuba enomsindo.

9 Kwathi thaphu umsi emathatheni akhe,Wadla umlilo uphuma emlonyeni wakhe,Avutha amalahle, ephuma kuwo.

10 Wawathoba amazulu, wehla,Yangamafu amnyama phantsi kweenyawo zakhe.

11 Wakhwela ekerubhini,* waphaphazela,Wabonakala esemaphikweni omoya.

12 Wamisa ubumnyama ngeenxa zonke kuye, bayiminquba,Intlanganisela yamanzi, neengqimba zamafu.

13 Ekuqaqambeni okuphambi kwakheKwavutha amalahle omlilo.

14 Wadudumisa emazulwini uYehova,Oseyangweni walikhupha izwi lakhe.

15 Wathuma iintolo, wabaphangalalisa;Umbane, wabadubaduba.

16 Kwabonakala imiphantsi yolwandle,Kwatyhileka iziseko zelimiweyoNgokukhalima kukaYehova.Ngokufutha komoya womsindo wakhe.

17 Wolula isandla, ephezulu, wandibamba,Wandirhola emanzini amaninzi.

18 Wandihlangula elutshabeni lwam olunamandla,Kwabandithiyileyo, ngokuba bebomelele kunam.

19 Bandifikela ngemini yokusindeka kwam,Waba sisixhaso kum uYehova.

20 Wandikhuphela endaweni ebanzi,Wandihlangula ngokuba endinonelele.

21 UYehova wandiphatha kakuhle ngokobulungisa bam,Wandibuyisela ngokuhlambululeka kwezandla zam.

22 Ngokuba ndazigcina iindlela zikaYehova,Andemka ngokungendawo kuThixo wam.

23 Ngokuba onke amasiko akhe aphambi kwam;Nemimiselo yakhe, andityekanga kuyo.

24 Ndandingogqibeleleyo kuye,Ndazinqanda ebugwenxeni bam.

25 Wandibuyisela ke uYehova ngokobulungisa bam,Ngokobunyulu bam, phambi kwamehlo akhe.

26 Kowenceba ùzenza owenceba,Kwigorha eligqibeleleyo ùzenza ogqibeleleyo.

27 Kozenze nyulu ùzenza onyulu,Kojibilizayo ùzenza onobuqhokolo.

28 Abantu abaziintsizana ùyabasindisa,Amehlo akho ajongene nabaqwayingileyo, ubathobe.

29 Kuba ùsisibane sam, wena Yehova,UYehova ukhanyisela ubumnyama bam.

30 Kuba ngawe ndigila impi,NgoThixo wam nditsiba iindonga.

31 UThixo yena — igqibelele indlela yakhe,Ilizwi likaYehova linyibilikisiwe,Úyingweletshetshe kubo bonke abazímela ngaye.

32 Ngokuba ngubani na onguThixo, ingenguye uYehova?Ngubani na oliliwa, ingenguThixo wethu?

33 UloThixo uligwiba lam elinamandla,Umalathisayo ogqibeleleyo indlela yakhe;

34 Uzifanisayo iinyawo zam nezamaxhamakazi,Undimisayo emimangweni yam;

35 Uzifundisayo ukulwa izandla zam,Zigobe isaphetha sobhedu iingalo zam.

36 Ùndinike ingweletshetshe yosindiso lwakho,Ukundiphulaphula kwakho kwandikhulisa.

37 Ùwenzele indawo ebanzi amanyathela am phantsi kwam,Amaxhwele am akahexa.

38 Ndiya kuzisukela iintshaba zam, ndizitshabalalise,Ndingabuyi zide ziphele.

39 Ndiya kuzigqiba, ndiziphaluse, zingavuki,Ziwe phantsi kweenyawo zam.

40 Ùndibhinqise ukukhaliphela imfazwe,Ùbaguqisa phantsi kwam abasukela phezulu kum.

41 Iintshaba zam uzenzé zandinikela ikhosi,Abandithiyayo ndababhangisa.

42 Bayabhekabheka, kungabikho msindisi;KuYehova, angabaphenduli.

43 Ndibacola njengothuli lomhlaba,Ndibacumza, ndibaxovula njengodaka lwendlela, ndibasasaze.

44 Ùndisiza ekubambaneni kwabantu bam nam,Ùndigcina ndibe yintloko yeentlanga.Abantu ebendigabazi baya ndikhonza.

45 Oonyana bolunye uhlanga baya kundilulamela, behanahanisa,Bandithòbele besave ngeendlebe.

46 Oonyana bolunye uhlunga bayantshwenya,Baphuma benovalo ekuvingcelweni kwabo.

47 UYehova uhleli, lelokubongwa iliwa lam,Aphakanyiswe uThixo, iliwa losindiso lwam.

48 UloThixo undiphindezelayo,Uzihliselayo phantsi kwam izizwe,

49 Undikhuphayo ezintshabeni zam;Undiphakamisayo kwabasukela phezulu kum;Undihlangulayo kumfo ogonyamelayo.

50 Ngenxa yoko ndiya kubulela kuwe, Yehova, phakathi kweentlanga,Ndivume kwigama lakho.

51 Ulokhulisa usindiso lokumkani wakhe;Owenzayo inceba kumthanjiswa wakhe,KuDavide, nakwimbewu yakhe kude kuse ephakadeni.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24