2 Usamuweli 7 XHO75

Icebo likaDavide lokwakha itempile liyaliwa

1 Kwathi, xa ukumkani ahleliyo endlwini yakhe, uYehova emphumzile ngeenxa zonke ezintshabeni zakhe zonke,

2 wathi ukumkani kuNatan umprofeti, Khawukhangele, ndihleli endlwini yemisedare,* ke yona ityeya kaThixo ihleli phakathi kwamalengalenga.

3 Wathi uNatan kukumkani, Konke okusentliziyweni yakho, hamba uye ukwenze; ngokuba uYehova unawe.

4 Kwathi ngobo busuku, lafika ilizwi likaYehova kuNatan, lisithi,

5 Hamba uye kuthi kumkhonzi wam uDavide, Útsho uYehova ukuthi, Wena uya kundakhela indlu yokuba ndihlale na?

6 Ngokuba andihlalanga ndlwini, kususela kwimini endabanyusayo oonyana bakaSirayeli eYiputa, kude kube nanamhla; ndaba ngohambahamba ngentente engumnquba.

7 Lonke ixesha endahambahamba ngalo phakathi koonyana bonke bakaSirayeli, ndakha ndalithetha na ilizwi nakusinye isizwe sakwaSirayeli endasiwisela umthetho wokuba sibalúse abantu bam amaSirayeli, ndisithi, Yini na ukuba ningandakheli indlu yemisedare?

8 Ke ngoko wòtsho ukuthi kumkhonzi wam uDavide, Útsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndákuthabatha mna edlelweni, ekulandeleni impahla emfutshane, ukuba ube yingànga yabantu bam amaSirayeli;

9 ndaba nawe kuko konke owahamba kuko, ndazinqumla zonke iintshaba zakho phambi kwakho, ndakwenzela igama elikhulu, njengegama labakhulu abasehlabathini;

10 ndabamisela indawo abantu bam amaSirayeli, ndabatyala ukuba bahlale esikhundleni sabo, bangabi sagunqa; oonyana bobutshijolo bangabuyi babacinezele njengasekuqaleni, kususela kulaa mini ndabamisela abantu bam amaSirayeli abagwebi.

11 Ndiya kukuphumza ezintshabeni zakho zonke.UYehova uyakuxelela ukuba uYehova uya kukwenzela indlu.

Intsikelelo kaYehova kwinzala kaDavide

12 Xa ithe yazaliseka imihla yakho, walala kooyihlo, ndoyiphakamisa emva kwakho imbewu yakho, eya kuphuma ezibilini zakho, ndibuqinise ubukumkani bakhe.

13 Nguye oya kulakhela igama lam indlu, ndiyiqinise itrone yobukumkani bakhe, kude kuse ephakadeni.

14 Mna ndiya kuba nguyise wakhe, yena abe ngunyana wam; endothi ebugwenxeni bakhe, ndimohlwaye ngentonga yabantu, nangobetho loonyana baka-Adam.

15 Ke yona inceba yam ayiyi kusuka kuye, njengoko ndayisusayo kuSawule, endimsusileyo ebusweni bakho.

16 Iya kuqina indlu yakho nobukumkani bakho kude kuse ephakadeni phambi kwakho; itrone yakho iya kuqiniseka kude kuse ephakadeni.

17 Njengaloo mazwi onke, njengaloo mbono wonke, wenjenjalo ukuthetha uNatan kuDavide.

Umthandazo nombulelo kaDavide

18 Waya ukumkani uDavide, wahlala phambi koYehova, wathi, Ndingubani na, Nkosi yam Yehova? Iyintoni na indlu yam, ukuba ude undizise nalapha?

19 Kusekuncinane oko ke emehlweni akho, Nkosi yam Yehova; uthetha ngoku nangendlu yomkhonzi wakho, usingise mgama. Le nto ke lisiko lomntu na, Nkosi yam Yehova?

20 Angabuya abe esathetha ntoni na ke uDavide kuwe? Wena uyamazi umkhonzi wakho, Nkosi yam Yehova.

21 Ngenxa yelizwi lakho, nangokwentliziyo yakho, ùbenzile bonke obo bukhulu, ukuba ubazíse umkhonzi wakho.

22 Ngenxa yoko ùmkhulu, Yehova Thixo; ngokuba akukho unjengawe; akukho Thixo ngaphaya kwakho, njengoko konke sikuvileyo ngeendlebe zethu.

23 Luluphi na uhlanga ehlabathini apha, olunjengabantu bakho, olunjengamaSirayeli, awaya kuzikhululela uThixo, ukuba lube ngabantu, ukuba azimisele igama ngalo, anenzele izenzo ezikhulu nina, alenzele izenzo ezoyikekayo ilizwe lakho ebusweni babantu bakho, owazikhululelayo bona eYiputa, ezintlangeni nakoothixo bazo?

24 Ùziqinisele abantu bakho amaSirayeli, ukuba babe ngabantu kuwe kude kuse ephakadeni; wena, Yehova, waba nguThixo kubo.

25 Kaloku, Yehova Thixo, ilizwi olithethileyo ngomkhonzi wakho, nangendlu yakhe, límise kude kuse ephakadeni, wenze njengoko ukuthethileyo;

26 likhule igama lakho kude kuse ephakadeni; kusithiwa, UYehova wemikhosi nguThixo wamaSirayeli, nendlu yomkhonzi wakho uDavide izinzile phambi kwakho.

27 Ngokuba wena, Yehova wemikhosi, Thixo kaSirayeli, utyhilile ezindlebeni zomkhonzi wakho, wathi, Ndiya kukwakhela indlu; ngenxa yoko umkhonzi wakho uyifumene intliziyo yokuze awuthandaze kuwe lo mthandazo.

28 Kaloku, Nkosi yam Yehova, unguye uThixo; namazwi akho aya kuba yinyaniso. Uthethé oko kulungileyo kumkhonzi wakho;

29 kaloku makukholeke kuwe ukuyisikelela indlu yomkhonzi wakho, ukuba ihlale ihleli phambi kwakho ngonaphakade; ngokuba wena, Nkosi yam Yehova, uthethile. Ngentsikelelo yakho mayisikelelwe indlu yomkhonzi wakho ngonaphakade.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24