3 Ubesakuthi ke uAbhisalom kuye, Yabona, iindawo zakho ezi zilungile, zithe tse; koko akunamntu wokuzithetha kukumkani;
4 athi uAbhisalom, Andaba bendimisiwe ndaba ngumgwebi ezweni apha, beze kum bonke abantu abanendawo ekubanjwene ngayo; ngendibalungisa!
5 Ubesithi, akusondela umntu eza kuqubuda kuye, asuke amnike isandla sakhe, ambambe, amange.
6 Wenza ke uAbhisalom ngendawo enjalo kumaSirayeli onke, abesiza kukumkani ekugwebeni. Waziba uAbhisalom iintliziyo zamadoda akwaSirayeli.
7 Kwathi, ekupheleni kweminyaka emashumi mané, wathi uAbhisalom kukumkani, Makhe ndiye ndisizalise isibhambathiso, endabhambathisa ngaso kuYehova eHebron;
8 ngokuba umkhonzi wakho wabhambathisa ngesibhambathiso ekuhlaleni kwakhe eGeshuri kwa-Aram, esithi, Ukuba uYehova uthe wandibuyisela ngenene eYerusalem, ndomkhonza uYehova.
9 Wathi ukumkani kuye, Hamba úxolile. Wesuka ke, waya eHebron.