1 Wathi uAhitofele kuAbhisalom, Makhe ndinyule ishumi lamawaka elinamawaka amabini amadoda, ndisuke, ndimsukele uDavide ngobu busuku;
2 ndimfikele ediniwe, ewé izandla, ndimothuse; basabe bonke abantu anabo;
3 ndibulale ukumkani yedwa; ndibabuyisele kuwe bonke abantu; indoda leyo ufuna yona injengokungathi babuye bonke; boxola bonke abantu.
4 Lalunga elo zwi emehlweni ka-Abhisalom, nasemehlweni amadoda amakhulu onke akwaSirayeli.
5 Wathi uAbhisalom, Khawubize noHushayi waseArki, sive into esemlonyeni wakhe naye.