2 ndimfikele ediniwe, ewé izandla, ndimothuse; basabe bonke abantu anabo;
3 ndibulale ukumkani yedwa; ndibabuyisele kuwe bonke abantu; indoda leyo ufuna yona injengokungathi babuye bonke; boxola bonke abantu.
4 Lalunga elo zwi emehlweni ka-Abhisalom, nasemehlweni amadoda amakhulu onke akwaSirayeli.
5 Wathi uAbhisalom, Khawubize noHushayi waseArki, sive into esemlonyeni wakhe naye.
6 Weza uHushayi kuAbhisalom; wathi uAbhisalom kuye, UAhitofele uthethe eli lizwi wenjenje. Sènze ngelizwi lakhe, singenzi ngalo, kusini na? Khawutsho wena.
7 Wathi uHushayi kuAbhisalom, Icebo uAhitofele acebisa lona alilungile okwangoku.
8 Wathi uHushayi, Wena uyamazi uyihlo namadoda akhe, ukuba ngamagorha amphefumlo ulugcalagcala, njengebhere* ehluthwe amathole ayo ezindle; uyihlo yindoda eqhele ukulwa, akalali ebantwini.