1 Ngawo la ke amazwi okugqibela kaDavide:Utsho uDavide unyana kaYese,Itsho indoda eyaphakanyiselwa phezulu,Umthanjiswa woThixo kaYakobi,Omihobe imnandi kwaSirayeli,
2 Ukuthi, UMoya kaYehova uthetha ngam,Ukukhuluma kwakhe kuselulwimini lwam.
3 Uthi uThixo kaSirayeli,ULiwa lakwaSirayeli uthetha kum, uthi,Kuya kuvela umlawuli woluntu olilungisa,Elawula ngokoyika uThixo.
4 Unjengokukhanya kwentsasa, lakuphuma ilanga,Njengentsasa engenamafu,Lakusa ibisína,Lwakuphuma uhlaza endle.