22 Wathi uAravena kuDavide, Mayithabathe inkosi yam ukumkani, inyuse okulungileyo emehlweni ayo. Nanzi iinkomo zedini elinyukayo, neempahla zokubhula needyokhwe zeenkomo zokuba ziinkuni.
23 Zonke ezi zinto, kumkani, uAravena uzinika ukumkani. Wathi uAravena kukumkani, uYehova uThixo wakho makakholiswe nguwe.
24 Wathi ukumkani kuAravena, Hayi, ndiya kusithenga ngexabiso kuwe; andiyi kunyusa ndise kuYehova uThixo wam amadini anyukayo endiwazuze ngelizé. Wasithenga ke uDavide isandá neenkomo ezo ngeeshekele* zesilivere ezimashumi mahlanu.
25 Wakhela apho ke uDavide isibingelelo kuYehova, wanyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo. Wathandazeka ke uYehova ngenxa yelizwe; sathintelwa isibetho kumaSirayeli.