5 Bawela eYordan, bamisa eArohere, ngasekunene komzi ophakathi kwesihlambo sakwaGadi naseYazere;
6 baya eGiliyadi nasezweni laseTatim-hodeshe, baya nakwaDan-yahan, bajikelezela kowakwaTsidon;
7 baya nasenqabeni yaseTire, nasemizini yonke yamaHivi neyamaKanan; baya baphuma kwelisezantsi lakwaYuda eBher-shebha.
8 Balityhutyha ke lonke ilizwe, beza eYerusalem ekupheleni kweenyanga ezisithoba ezineentsuku ezimashumi mabini.
9 UYowabhi wamnika ke ukumkani inani lokubalwa kwabantu: aza amaSirayeli aba ngamakhulu asibhozo amawaka amadoda anobukroti, arhola ikrele; amadoda akwaYuda aba ngamakhulu amahlanu amawaka amadoda.
10 Yakhathazeka intliziyo kaDavide emveni kokuba ebabalile abantu. Wathi uDavide kuYehova, Ndonile kunene ngale nto ndiyenzileyo; kaloku khawubukhwelelise, Yehova, ubugwenxa bomkhonzi wakho; ngokuba ndenzé ngobudenge obukhulu.
11 Wavuka kusasa uDavide; ilizwi likaYehova lafika kuGadi umprofeti, imboni kaDavide, lisithi,