3 owesibini waba nguKiliyabhi ngoAbhigali, umkaNabhali waseKarmele; owesithathu waba nguAbhisalom, unyana kaMahaka, intombi kaTalemayi, ukumkani waseGeshuri;
4 owesiné waba nguAdoniya, unyana kaHagiti; owesihlanu waba nguShefatiya, unyana ka-Abhitali;
5 owesithandathu waba nguItram, ngoEgla, umkaDavide. Wabazalelwa abo uDavide eHebron.
6 Kwathi, kwakubon' ukuba kukho imfazwe phakathi kwendlu kaSawule nendlu kaDavide, uAbhinere wamana ukuzomelezela indlu kaSawule.
7 Ke uSawule ebeneshweshwe eligama linguRitspa, intombi ka-Aya; wathi ke uIshbhoshete kuAbhinere, Yini na ukuba ulingene ishweshwe likabawo?
8 Wavutha kakhulu ngumsindo uAbhinere ngamazwi kaIshbhoshete, wathi, Ndiyintloko yenja elunge kwaYuda yini na? Namhla ndiyenzela inceba indlu kaSawule uyihlo, kubazalwana bakhe, nakubahlobo bakhe; andikuyekelanga esandleni sikaDavide; kanti ke undivelele ngobugwenxa endibenzé kule nkazana namhla.
9 UThixo makenjenje kuAbhinere, aqokele ukwenjenje; njengoko uYehova wamfungelayo uDavide, ndiya kwenjenjalo kuye: