9 UThixo makenjenje kuAbhinere, aqokele ukwenjenje; njengoko uYehova wamfungelayo uDavide, ndiya kwenjenjalo kuye:
10 ukubugqithisa ubukumkani endlwini kaSawule, kumiswe itrone kaDavide kwaSirayeli nakwaYuda, kuthabathele kwaDan kuse eBher-shebha.
11 Akaba saba nako ukumphendula nezwi uAbhinere ngokumoyika.
12 Wesusa esikhundleni sakhe uAbhinere abathunywa, baya kuDavide; esithi, Lelikabani na ilizwe? esithi, Yenza umnqophiso wakho nam; uyabona, isandla sam sinawe, ukuba aguqulelwe kuwe amaSirayeli onke.
13 Wathi, Kulungile, ndowenza nawe umnqophiso. Kodwa kukho nto-nye ndiyifunayo kuwe; yile: akuyi kububona ubuso bam, ungamzisanga uMikali intombi kaSawule, wakuza kububona ubuso bam.
14 UDavide wesusa abathunywa, baya kuIshbhoshete unyana kaSawule, esithi, Ndínike umkam uMikali, endamgana ngekhulu leenyama zokwalùswa zamaFilisti.
15 Wathumela uIshbhoshete, wamthabatha kwindoda yakhe, kuPaltiyeli unyana kaLayishe.