4 Ke kaloku uYonatan unyana kaSawule ubenonyana ofe iinyawo; ebeminyaka mihlanu ezelwe, ukufika kodaba lukaSawule noYonatan eYizereli. Umondlikazi wakhe wesuka wamthabatha, wabaleka; kwathi, ekubalekeni kwakhe buphuthuphuthu, wawa, waba sisiqhwala. Igama lakhe belinguMefibhoshete.