7 Bangena ke endlwini, elele esingqengqelweni sakhe egumbini lakhe lokulala; bamhlaba, bambulala, bamnqumla intloko, bayithabatha intloko yakhe, bahamba ngendlela yeArabha bonke ubusuku.
8 Bayisa intloko kaIshbhoshete kuDavide eHebron, bathi kukumkani, Nantsi intloko kaIshbhoshete unyana kaSawule, utshaba lwakho, elube lufuna umphefumlo wakho; uYehova uyiphindezelele inkosi yam namhla kuSawule, nakwimbewu yakhe.
9 UDavide wabaphendula ooRekabhi noBhahana umzalwana wakhe, oonyana bakaRimon waseBheroti, wathi kubo, Ehleli nje uYehova, owukhululeyo umphefumlo wam ekubandezelekeni konke, ndathi, owandixelelayo ukuthi,
10 Nanku uSawule efile, eba uzisa iindaba ezilungileyo, ndambamba, ndambulala eTsikelage, ukumnika umvuzo weendaba zakhe.
11 Asikokukhona na ndiya kulibiza igazi layo esandleni senu, ndinitshayele elizweni, xa amadoda angendawo abulele indoda elilungisa endlwini yayo, esililini sayo?
12 UDavide wawawisela amadodana akwakhe umthetho. Ababulala, abanqumla izandla neenyawo, azixhoma echibini eHebron; ke intloko kaIshbhoshete ayithabatha, ayingcwaba engcwabeni lika-Abhinere eHebron.