2 Ke indlu kaSawule ibinomkhonzi ogama linguTsibha; bambizela kuDavide. Wathi ukumkani kuye, UnguTsibha na? Wathi yena, Ndingumkhonzi wakho.
3 Wathi ukumkani, Akusekho namnye na umntu wendlu kaSawule, ndímenzele inceba kaThixo? Wathi ke uTsibha kukumkani, Kusekho unyana kaYonatan, ofe iinyawo.
4 Wathi ukumkani kuye, Uphi na? Wathi uTsibha kukumkani, Nankuya endlwini kaMakire unyana ka-Amiyeli, eLodebhare.
5 Wathumela ke ukumkani uDavide, wamthabatha endlwini kaMakire unyana ka-Amiyeli, eLodebhare.
6 Weza uMefibhoshete, unyana kaYonatan, unyana kaSawule, kuDavide, wawa ngobuso, waqubuda. Wathi uDavide, Mefibhoshete. Wathi ke yena, Nanku lo mkhonzi wakho.
7 Wathi uDavide kuye, Musa ukoyika; ngokuba ndiya kukwenzela inceba ngenene, ngenxa kaYonatan uyihlo, ndikubuyisele onke amasimi kaSawule uyihlo; wena udle isonka etafileni yam ngamaxesha onke.
8 Waqubuda, wathi, Umkhonzi wakho uyintoni na, ukuba uyibheke inja efileyo, enjengam nje?