13 Sathi isithunywa sikaYehova kuManowa, Konke endikuthethileyo kumfazi makazigcine kuko.
14 Maze angadli nto iphuma emdiliyeni, angaseli wayini nasiselo sinxilisayo, angadli nanye into eyinqambi. Konke endimwisele umthetho ngako makakugcine.
15 Wathi uManowa kwisithunywa sikaYehova, Makhe sikubambezele, sikwenzele itakane itakane lebhokhwe.
16 Sathi isithunywa sikaYehova kuManowa, Nokuba undibambezele, andiyi kudla ekudleni kwakho; ke ukuba wenza idini elinyukayo kuYehova, linyuse. Ngokuba uManowa ebengazi ukuba sisithunywa sikaYehova.
17 Wathi uManowa kwisithunywa sikaYehova, Ungubani na igama; sikuzùkise lakwenzeka ilizwi lakho?
18 Sathi kuye isithunywa sikaYehova, Yini na le nto ulibuzayo igama lam, libalulekile nje?
19 Wathabatha uManowa itakane lebhokhwe nomnikelo wokudla, wazinyusa kuYehova eweni; sona sisenza ngokumangalisayo, bebonela uManowa nomkakhe.