21 Àsaba saphinda sibonakale isithunywa sikaYehova kuManowa nomkakhe. Wandula ukwazi uManowa ukuba sisithunywa sikaYehova esi.
22 Wathi uManowa kumkakhe, Siya kufa ngenene, ngokuba simbonile uThixo.
23 Wathi umkakhe kuye, Ukuba uYehova ubefuna ukusibulala, angé engalamkelanga esandleni sethu idini elinyukayo, nomnikelo wokudla; angé engasibonisanga zonke ezi zinto; angé engasivisanga okunje ngexesha elinjengeli.
24 Wazala unyana umfazi lowo, wathi igama lakhe nguSamson. Yakhula ke inkwenkwe leyo, uYehova wayisikelela.
25 Waqala uMoya kaYehova wamqhuba eseMahane-dan, phakathi kweTsora ne-Eshtawoli.