14 Weza eLehi; amaFilisti amkhawulela eduma. Wamfikela ngamandla uMoya kaYehova; izintya ebezisemikhonweni yakhe zaba njengeflakisi* etshe ngumlilo, amakhamandela akhe acombuluka ezandleni zakhe.
15 Wafumanana nomhlathi omtsha we-esile, wasolula isandla, wawuthabatha, wabulala ngawo iwaka lamadoda.
16 Wathi uSamson,Ngomhlathi we-esile zizigigaba ngezigigaba;Ngomhlathi we-esile ndisiké iwaka lamadoda.Kwathi, akugqiba ukuthetha, wawulahla umhlathi esandleni sakhe,
17 wathi loo ndawo yiRamati-lehi.*
18 Wanxanwa kakhulu, wanqula uYehova, wathi, Wena uniké ngesandla somkhonzi wakho usindiso olungaka; kanti nanku ndiya kufa linxano, ndeyele esandleni sabangalukanga.
19 Wawucanda uThixo umgongxo oseLehi; kwaphuma amanzi kuwo. Wasela, wabuya umoya wakhe, waphila ke. Ngenxa yoko wathi igama laloo ndawo nguMthombo woMnquli, oseLehi unanamhla.
20 Wawalawula amaSirayeli ngemihla yamaFilisti iminyaka emashumi mabini.