20 Wathi, AmaFilisti aphezu kwakho, Samson. Wavuka ebuthongweni, wathi, Ndiya kuphuma esi sihlandlo njengezinye izihlandlo, ndizivuthulule. Wayengazi yena, ukuba uYehova umkile kuye.
21 Ambamba amaFilisti, amkrukra amehlo; ehla naye aya eGaza, amkhonkxa ngamakhamandela obhedu amabini, waba ngumsili endlwini yamakhonkxwa.
22 Zaqala iinwele zentloko yakhe zahluma, emva kokuba wayechetyiwe.
23 Izikhulu zamaFilisti zahlanganiselwa ukuba zibingelele umbingelelo omkhulu kuDagon uthixo wazo, zivuye; zathi, Uthixo wethu umnikele esandleni sethu uSamson, utshaba lwethu.
24 Bambona abantu, badumisa uthixo wabo; ngokuba bebesithi, Uthixo wethu ulunikele esandleni sethu utshaba lwethu, umtshabalalisi welizwe lethu, obenzé babaninzi ababuleweyo kuthi.
25 Kwathi, xa intliziyo yabo ichwayithileyo, bathi, Bizani uSamson, asihlekise. Bambiza ke uSamson endlwini yamakhonkxwa; waphuma wahlekisa phambi kwabo. Bammisa phakathi kweentsika.
26 Wathi uSamson kumfana ombambe ngesandla, Ndiyeke, ndizive iintsika emi ngazo indlu, ndayame ngazo.