1 Baphuma ke bonke oonyana bakaSirayeli, labizelwa ndawonye lonke ibandla njengandoda-nye, lathabathela kwaDan lesa eBher-shebha, nelizwe laseGiliyadi, laya kuYehova eMizpa.
2 Zema izibonda zabantu bonke, zezizwe zonke zakwaSirayeli, ebandleni labantu bakaThixo, abangamawaka angamakhulu amané amadoda angumqikela arhola ikrele.
3 Beva oonyana bakaBhenjamin, ukuba oonyana bakaSirayeli benyukile beza eMizpa.Bathi oonyana bakaSirayeli, Thethani; itheni na ukubakho le nto inje ukuba mbi?
4 Yaphendula indoda leyo, ingumLevi, indoda yaloo nkazana incinithiweyo, yathi, Ndafika eGibheha ekwaBhenjamin, mna neshweshwe lam, salalisa khona.