15 Babàlwa oonyana bakaBhenjamin ngaloo mhla, bephuma emizini; baba ngamadoda angamashumi amabini anamathandathu amawaka arhola ikrele, ngaphandle kwabemi baseGibheha, ababalwáyo baba ngamadoda ahleliweyo angamakhulu asixhenxe.
16 Kwaba bantu bonke bekukho amakhulu asixhenxe amadoda ahleliweyo angamanxele, onke enokusawula ngelitye, achane angaphosi.
17 Ke amadoda akwaSirayeli, ngaphandle kwamaBhenjamin, abebalwe aba ngamawaka angamakhulu amané amadoda arhola ikrele; onke lawo ingamadoda okulwa.
18 Besuka, benyuka baya eBheteli, babuza kuThixo. Bathi oonyana bakaSirayeli, Makunyùke bani na kuthi, aqale ukulwa noonyana bakaBhenjamin? Wathi uYehova, Makuqale uYuda.
19 Besuka oonyana bakaSirayeli kusasa, bayingqinga iGibheha.
20 Aphuma amadoda akwaSirayeli, aya kulwa namaBhenjamin. Amadoda akwaSirayeli ákha uluhlu lokulwa nawo ngaseGibheha.
21 Baphuma oonyana bakaBhenjamin eGibheha, bavunela phantsi ngaloo mini kumaSirayeli amashumi amabini anamabini amawaka amadoda.