41 UAbhimeleki wahlala eAruma; uZebhule wamgxotha uGahali nabazalwana bakhe ukuba bangahlali kwaShekem.
42 Kwathi ngengomso, baphuma abantu baya emasimini; waxelewa uAbhimeleki.
43 Wabathabatha abantu, wabahlula baba maqela mathathu, walalela emasimini; wakhangela, wabona abantu bephuma kuloo mzi, wabavunukela wabaxabela.
44 UAbhimeleki namaqela abenawo badwela ekungeneni kwesango lomzi; aza amaqela amabini akha uluhlu kubo bonke ababesemasimini, abaxabela ke.
45 UAbhimeleki walwa naloo mzi imini yonke, wawuthimba umzi, nabantu abakuwo wababulala; wawudiliza umzi, wawuhlwayela ityuwa.
46 Beva ke bonke abasenqabeni ende yakwaShekem, bangena engontsini yendlu yoEle-Bheriti.*
47 Waxelelwa uAbhimeleki, ukuba babuthelene khona bonke abasenqabeni ende yakwaShekem.