1 Síphose isonka sakho phezu kwamanzi, ngokuba wosifumana kwakuba ziintsuku ezininzi.
2 Yahlula izahlulo zibe sixhenxe, zibe sibhozo, ngokuba akuyazi into embi eya kubakho ehlabathini.
3 Ukuba amafu athe azala yimvula, ayithululela emhlabeni; ukuba umthi uthe wawa, wabheka ezantsi, nokuba uthe wabheka entla, kuloo ndawo uwe kuyo umthi lowo, wolala khona.
4 Ogqala umoya akayi kuhlwayela; okhangela amafu akayi kuvuna.
5 Njengokuba ungayazi ukuba yiyiphi na indlela yomoya, kwanjengokuyilwa kwamathambo esiswini somithiyo; ngokunjalo akusazi isenzo sika Thixo owenza izinto zonke.
6 Kusasa hlwayela imbewu yakho, nangokuhlwa ungasiphumzi isandla sakho; ngokuba ungàzi ukuba kolunga yiphi na, nokuba yile nokuba yileya, kusini na, nokuba zolunga ngakunye zombini na.
7 Kumnandi ukukhanya, kulungile emehlweni ukulibona ilanga.