1 Kukho ububi endibubonileyo phantsi kwelanga, buninzi ke phezu komntu:
2 yindoda uThixo ayinike ubutyebi, nokuqweba, nozuko, ungasweli umphefumlo wayo nanye into engáyinqwenelayo, aze uThixo angayiphi amandla okuyidla; ngokuba idliwa yenye indoda. Ngamampunge lawo, sisifo esibi eso.
3 Ukuba umntu uthe wazala ikhulu labantwana, wadla ubomi iminyaka emininzi, yamininzi imihla yeminyaka yakhe, umphefumlo wakhe àwahlutha zizinto ezilungileyo, kananjalo akaba nangcwaba: ndithi mna, imvambilini ilungile kunaye.
4 Ngokuba ifike ingamampunge, imka kumnyama, igama layo ligutyungelwe bubumnyama;
5 kananjalo ayilibonanga ilanga, ayilazanga; le yona ilungile kunomntu lowo.
6 Nokuba ebeya kudla ubomi iwaka leminyaka kude kube kabini, angàkuboni okulungileyo, ayiyi ndaweni-nye na yonke loo nto?