14 Ngomhla wentsikelelo chwayitha, nangomhla wobubi qonda kakuhle, ukuba naló, kwanjengalowa, wenziwe nguThixo, ngenxa enokuba umntu engafumani nto emva kwakhe.
15 Le nto yonke ndiyibonile ngemihla yam engamampunge: kubàkho ilungisa elitshabalalayo noko linobulungisa, kubekho ongendawo ophila ixesha elide, noko angendawo.
16 Musa ukuba lilungisa ngokukhulu, ungabi sisilumko ngokugqithiselelyo; yini na ukuba uziphanzise?
17 Musa ukuba ngongendawo ngokukhulu, ungazenzi isidenge; yini na ukuba ufe lingekabi lixesha lakho?
18 Kulungile ukuba ubambelele kule nto nakuleya, ungasiphumzi isandla sakho; ngokuba owoyika uThixo uphumelela kuzo zonke ziphela.
19 Ubulumko buyasiqinisa isilumko, ngaphezu kweshumi labanegunya abakulo mzi.
20 Ngokuba akukho mntu ulilungisa ehlabathini, wenza okulungileyo, angoni.