3 Le yinto embi phakathi kwezinto zonke ezenzekayo phantsi kwelanga, ukuthi sibe sinye isihlo kubo bonke; ibe nentliziyo yoonyana babantu izele bububi; ibubugeza entliziyweni yabo besadla ubomi; emveni kwabo kuyiwa kwabafileyo.
4 Ngokuba kosukuba ehlonyelwa kwabasadla ubomi, kusekho ithemba; ngokuba inja esaphilileyo ilunge ngaphezu kwengonyama efileyo.
5 Ngokuba abadla ubomi bayazi ukuba baya kufa; ke bona abafileyo àbazi lutho, àbasabi namvuzo; ngokuba balityelwe, àbasakhunjulwa nganto.
6 Seluphelile kade uthando lwabo, nentiyo yabo, nekhwele labo; àbasenasabelo naphakade ezintweni zonke ezenzekayo phantsi kwelanga.
7 Yiya udle isonka sakho unovuyo, usele iwayini yakho unentliziyo echwayithileyo; ngokuba sekukade ekholisiwe uThixo zizenzo zakho.
8 Iingubo zakho mazibe mhlophe ngamaxesha onke, neoli mayingasweleki entlokweni yakho.
9 Hlala kakuhle nomfazi omthandileyo ngemihla yonke yobomi bakho obungamampunge, akunikileyo phantsi kwelanga, ngemihla yakho yonke engamampunge; ngokuba sisabelo sakho eso ebomini, nasemigudwini yakho owaphuka yiyo phantsi kwelanga.