5 niqhumisèle umbingelelo wemibulelo ngento enegwele, nimemeze imibingelelo yokuqhutywa yintliziyo; memezani, kuba nithanda njalo, nyana bakaSirayeli; itsho iNkosi uYehova.
6 Kananjalo mna ndininiké ubumsulwa bamazinyo emizini yenu yonke, nokusweleka kwesonka ezindaweni zenu zonke; anibuyanga nize kum noko; utsho uYehova.
7 Kananjalo mna ndayithintela imvula kuni, zísentathu iinyanga zokuba kuvunwe; ndayinisa komnye umzi, andayinisa komnye; esinye isahlulo somhlaba sanelwa yimvula, esinye isahlulo esinganelwanga satsha;
8 imizi emibini, emithathu, ibhaduléle kumzi omnye, ukuze isele amanzi ingakholwa; ànabuya nize kum noko; utsho uYehova.
9 Ndanibetha ngembabala nangexoshomba; imiyezo yenu nezidiliya zenu, nemikhiwane yenu, neminquma yenu emininzi, yadliwa yinkumbi enqunquthayo; ànabuya nize kum noko; utsho uYehova.
10 Ndathumela phakathi kwenu indyikitya yokufa, ngokuyá kwaseYiputa, ndawabulala ngekrele amadodana enu, kwanamahashe enu angamaxhoba, ndanyusa ukunuka kweminquba yenu, kweza ezimpumlweni zenu; ànabuya nize kum noko; utsho uYehova.
11 Ndibabhukuqile abanye benu, njengoko wabhukuqa ngako uThixo iSodom neGomora, nàba njengesikhuni esinyothulwe emlilweni; ànabuya nize kum noko; utsho uYehova.