11 Ngokuba, uyabona, uYehova uwisa umthetho, bayibethe indlu enkulu ibe ngamavithi, nendlu encinane ibe ziintanda.
12 Amahashe ayabaleka na phezu kweengxondorha? bayalima na khona ngeenkomo? ukuba nikujike nje okusesikweni kube bubuhlungu, nesiqhamo sobulungisa sibe ngumhlonyane;
13 nina bàvuyela okungelutho; bàthi, Sizenzela iimpondo ngawethu amandla.
14 Ke yabonani, ndinivusela uhlanga, ndlu kaSirayeli; utsho uYehova, uThixo wemikhosi; luya kunixina, luthabathele ekuyiweni eHamati, luse esihlanjeni seArabha.