1 Nam ke, ngomnyaka wokuqala kaDariyo umMedi, ndema ukuba ndimomeleze ndimhlanganisele.
2 Ngoku ke ndiya kukuxelela inyaniso. Yabona, kusaza kusuka kume ookumkani abathathu kumaPersi, nowesiné uya kutyeba ngobutyebi obukhulu kunabo bonke; athi, xa omeleleyo ngobutyebi bakhe, abaxhokonxe bonke, baye kulwa nobukumkani bakwaYavan.*
3 Kosuka kume ukumkani oligorha alawule ngolawulo olukhulu, enze ngokukholeka kuye.
4 Buya kuthi, xa athe wesuka wema, buqhekezwe ubukumkani bakhe, bahlulelwe emimoyeni yominé yasezulwini, bungabi bobempunde yakhe, bungabi njengolawulo lwakhe abelawula ngalo; kuba buya kunyothulwa ubukumkani bakhe, bube bobabambi, bungabi bobayo.
5 Ke úya komelela ukumkani wasezantsi; omnye kubathetheli bakhe omelele ngaphezu kwakhe, alawule; lube lulawulo olukhulu ulawulo lwakhe.
6 Bodibana ekupheleni kweminyaka; ithi intombi yokumkani wasezantsi ingene kukumkani wasentla, ukuba balungisane. Ke iya kuwa ingalo yayo; angemi yena, nengalo yakhe iwe; inikelwe yona, nababeyingenisile, nowayizalayo, nowayomelezayo ngaloo maxesha.