16 Ofikayo khona uya kwenza ngokuthanda kwakhe, kungabikho umisayo phambi kwakhe, amise yena ezweni eliligugu, atshabalalise ngesandla sakhe.
17 Wobubhekisa ubuso bakhe ekuthini eze enokuqina kobukumkani bakhe bonke, ecinga ukulungisa; enze ke; amnike intombi yabafazi, ukuze ayonakalise. Ke ayiyi kuma, ayiyi kuba lutho kuye.
18 Uya kujika, abhekise eziqithini, azithimbe ezininzi, aphelise abaphathi, kuthi cwaka ukungcikiva kwabo kubo; ke ukungcikiva kwakhe baya kukubuyisela kuye.
19 Wojika, abhekise ezinqabeni zelizwe lakhe, akhubeke, awe, angafunyanwa.
20 Endaweni yakhe kuya kusuka kume ocandisa abaqhubi babantu ebungangamsheni bobukumkani; ngeentsuku ezimbalwa aphulwe, kungabi ngamisindo, kungabi ngamfazwe.
21 Endaweni yakhe kuya kusuka kume odelekileyo, ongayi kunikwa ndili yabukumkani; eze ngokwalama, abuhlasele ubukumkani ngokunyhwalaza.
22 Iingalo ezikhukulayo ziya kukhukuliswa, zimke ebusweni bakhe, zaphulwe, kwanengànga yomnqophiso.