7 Kophuma ke ehlumelweni leengcambu zayo omnye osendaweni yakhe; aye empini, aye ezinqabeni zokumkani wasentla, azenze ngendawo, eyise.
8 Wothimba, azisé eYiputa noothixo babo, kunye nemifanekiso yabo etyhidiweyo, kunye neempahla zabo ezinqwenelekayo, isilivere negolide; amise yena iminyaka phambi kokumkani wasentla.
9 Wongena ebukumkanini bokumkani wasezantsi, abuyele emhlabeni wakhe.
10 Oonyana bakhe baya kuxhoba, bahlanganise imfidi yeempi ezininzi, ize nokuza, ikhukule, idlule, ibuye; balwe, bade base enqabeni yakhe.
11 Wocaphuka ukumkani wasezantsi, aphume alwe naye, nokumkani wasentla lowo; yena ke amise imfidi enkulu, ke imfidi leyo inikelwe esandleni sakhe.
12 Yothi imfidi yakusuka iziphakamise, awise amawakawaka angamashumi; ke angeyisi noko.
13 Wobuya ukumkani wasentla, amise imfidi enkulu ngaphezu kweyokuqala, eze nokuza ekupheleni kwamaxesha eminyaka, enempi enkulu neempahla ezininzi.