2 Bonke abakhonzi bokumkani, ababesesangweni lokumkani, babeguqa, baqubude kuHaman; kuba wenjenjalo ukumkani ukuwisa umthetho ngaye; ke yena uMordekayi àkagaqa, àkaqubuda kuye.
3 Abakhonzi bokumkani, ababesesangweni lokumkani, bathi kuMordekayi, Yini na ukuba uwugqithe umthetho wokumkani?
4 Kwathi ke, bakumana ukutsho kuye imihla ngemihla, engaphulaphuli kubo, bamxelela uHaman, ukukhangela ukuba aya kuma na amazwi kaMordekayi. Kuba ubebaxelele ukuba yena ungumYuda.
5 Wabona uHaman ukuba uMordekayi akaguqi, akaqubudi kuye; wasuka uHaman wazala ngumsindo.
6 Wakucekisa ukuba amse izandla uMordekayi yedwa; kuba ubebaxelelwe abantu bakuloMordekayi; wangxamela ke uHaman ukuwatshabalalisa onke amaYuda abesebukumkanini bonke buka-Ahaswerosi, abantu bakuloMordekayi.
7 Ngenyanga yokuqala (yinyanga enguNisan ke leyo), ngomnyaka weshumi elinesibini wokumkani uAhaswerosi, kwawiswa iPuri (liqashiso ke elo) phambi koHaman, imini ngemini, inyanga ngenyanga, yada yaba yeyeshumi elinesibini; yinyanga enguAdare ke leyo.
8 Wathi uHaman kukumkani uAhaswerosi, Kukho abantu abathile abathe saa, abangené phakathi kwezizwe emazweni onke obukumkani bakho; nemithetho yabo yahlukile kweyabantu bonke, abayenzi imithetho yokumkani; akufanelekile kukumkani ukubayeka.