2 Yehova, ndiluvile udaba lwakho, ndoyika;Yehova, wuphilise umsebenzi wakho phakathi kweminyaka,Wázise phakathi kweminyaka;Ekugugumeni kwakho khumbula inceba.
3 UThixo uza evela kwaTeman,OyiNgcwele evela ezintabeni zaseParan. (Phakamisani.)Igubungele amazulu indili yakhe,Ihlabathi lizele yindumiso yakhe.
4 Ubumhlophe bakhe busuke baba njengokukhanya;Yimithi emacaleni akhe;Kulapho ke ukuzimela kwamandla akhe.
5 Phambi kwakhe kuhamba indyikitya yokufa,Kulandele icesina ezinyaweni zakhe.
6 Úmi, walishukumisa ihlabathi;Úkhangele, wazishukumisa iintlanga;Zaba nkumenkume iintaba zanini,Zasibekeka iinduli zasephakadeni;Iindlela zakhe yena zisephakadeni.
7 Ndiboné iintente zakwaKushan zisenkathazweni;Amalengalenga elizwe lakwaMidiyan adidizela.
8 Yabe iyimilambo na, Yehova,Yabe iyimilambo, kusini na, owavutha ngayo na umsindo wakho?Yabe ilulwandle, kusini na,Owaphuphumela lona umsindo wakho,Ukuze nje ukhwele emahasheni akho,Ezinqwelweni zakho zokusindisa?