5 Phambi kwakhe kuhamba indyikitya yokufa,Kulandele icesina ezinyaweni zakhe.
6 Úmi, walishukumisa ihlabathi;Úkhangele, wazishukumisa iintlanga;Zaba nkumenkume iintaba zanini,Zasibekeka iinduli zasephakadeni;Iindlela zakhe yena zisephakadeni.
7 Ndiboné iintente zakwaKushan zisenkathazweni;Amalengalenga elizwe lakwaMidiyan adidizela.
8 Yabe iyimilambo na, Yehova,Yabe iyimilambo, kusini na, owavutha ngayo na umsindo wakho?Yabe ilulwandle, kusini na,Owaphuphumela lona umsindo wakho,Ukuze nje ukhwele emahasheni akho,Ezinqwelweni zakho zokusindisa?
9 Sizihlubile sazihluba isaphetha sakho;Zifungelwe ilizwi iintonga zokohlwaya. (Phakamisani.)Ihlabathi uligqobhoza imilambo.
10 Zikubonile, ziyankwantya iintaba,Kudlule isiphango samanzi;Amanzi anzongonzongo akhupha isandi sawo,Aziphakamisela phezulu izandla zawo.
11 Latshona ilanga nenyanga ekhayeni lazo,Ngokukhanya kweentolo zakho ezihambayo,Ngobumhlophe bokubengezela kwezikhali zakho.