1 Ndathi, Khanive, zintloko zakwaYakobi, nani baphathi bendlu kaSirayeli; asikokwenu na ukukwazi okusesikweni?
2 nina, bathiyi bokulungileyo, bathandi bokubi; nina bahlinzi bolùsu lwabantu, nenyama yabo emathanjeni abo;
3 nina, bayidlileyo inyama yabantu bam; balobula ulùsu lwabo; bawaphula amathambo abo; bawaxhaxha ngathi ngawembiza, ngathi yinyama kungxawu.
4 Baya kwandula bakhale kuYehova, angabaphenduli; asuke abusithelise ubuso bakhe kubo ngelo xesha, njengoko bazenzé zambi iintlondi zabo.
5 Utsho uYehova ngokusingisele kubaprofeti ababandwendwisàyo abantu bakowethu; abathi, xa banokuhlafunwayo, baze bamemeze uxolo; bathi, osukuba engafaki nto emlonyeni wabo, bamngcwalisele imfazwe, ukuthi:
6 Ngako oko niya kuba nobusuku, iphuthe imibono; nibe nobumnyama, kuphuthe ukuvumisa; litshone ilanga kubaprofeti, ibe mnyama imini kubo.
7 Ziya kudana iimboni, babe neentloni abavumisi, bazigqubuthele iindevu bonke bephela; ngokuba kungekho mpendulo kaThixo.