5 Utsho uYehova ngokusingisele kubaprofeti ababandwendwisàyo abantu bakowethu; abathi, xa banokuhlafunwayo, baze bamemeze uxolo; bathi, osukuba engafaki nto emlonyeni wabo, bamngcwalisele imfazwe, ukuthi:
6 Ngako oko niya kuba nobusuku, iphuthe imibono; nibe nobumnyama, kuphuthe ukuvumisa; litshone ilanga kubaprofeti, ibe mnyama imini kubo.
7 Ziya kudana iimboni, babe neentloni abavumisi, bazigqubuthele iindevu bonke bephela; ngokuba kungekho mpendulo kaThixo.
8 Ke mna ndizele ngamandla ngomoya kaYehova, ndizele kokusesikweni nobugora, ukuze ndimxelele uYakobi ukreqo lwakhe, uSirayeli isono sakhe.
9 Khanive oku, nina zintloko zendlu kaYakobi, nani baphathi bendlu kaSirayeli, abakwenza amasikizi okusesikweni, bakujikajike konke okuthe tye;
10 ábayakha iZiyon ngamagazi, neYerusalem ngobugqwetha.
11 Iintloko zayo zigweba ngenxa yesicengo, nababingeleli bayo bayayala ngenxa yomvuzo, nabaprofeti bayo bavumisa ngenxa yemali; baze bayame ngoYehova, besithi, UYehova àkaphakathi kwethu, yini na? àsiyi kuzelwa bubi.