10 Busekho na ubuncwane bokungendawo endlwini yongendawo, ne-efa* edlekileyo, ebhavunyelweyo?
11 Ndoqaqamba na ndinesikali* sokungendawo, ndinengxowa yamatye* enkohliso?
12 Kuba izityebi zakhona zizele lugonyamelo, nabemi bakhona bathethé ubuxoki, nolwimi lwabo lubé lunenkohliso emlonyeni wabo.
13 Nam ke ndikuxábele ngokubulalayo, ndikuphanzisile ngenxa yezono zakho.
14 Wena uya kudla, ungahluthi, uhlale unephango; usabise, ungasindisi; nokusindileyo ndikunikèle ekreleni.
15 Wena uya kuhlwayela, ungàvuni; wena uya kuxovula umnquma, ungàzithambisi ngeoli; uxovule iwayini entsha, ungàseli wayini.
16 Bazigcinela imimiselo kaOmri, nezenzo zonke zendlu ka-Ahabhi, nisuke nihambe ngamacebo abo; ukuze ndinènze nibe ngummangaliso, nabemi bayo babe ngumsondlo; ngoko niya kuthwala ukungcikivwa kwabantu bam.