34 Sibawisele amaqashiso ngomsondezo weenkuni ababingeleli, nabaLevi, nabantu, ukuba ziziswe endlwini kaThixo wethu, ngokwezindlu zethu zooyise, ngamaxesha amisiweyo, iminyaka ngeminyaka, ukuba zibaswe esibingelelweni sikaYehova uThixo wethu, ngoko kubhaliweyo emyalelweni;
35 sizíse iintlahlela zomhlaba wethu, neentlahlela zeziqhamo zonke zemithi yonke, iminyaka ngeminyaka, endlwini kaYehova;
36 nabamazibulo koonyana bethu nawemfuyo yethu, ngoko kubhaliweyo emyalelweni, namazibulo eenkomo zethu, nawempahla emfutshane, siwazìse endlwini kaThixo wethu, kubabingeleli abalungiselelayo endlwini kaThixo wethu;
37 neentlahlela zemigrayo yethu, nemirhumo yethu, neziqhamo zemithi yonke, iwayini entsha, neoli, sizizìse kubabingeleli emagumbini endlu kaThixo wethu; nezishumi zemihlaba yethu kubaLevi; bona abaLevi bazàmkele izishumi emizini yonke esilima kuyo.
38 Umbingeleli unyana ka-Aron aze abekho nabaLevi, ekuzamkeleni kwabaLevi izishumi; bazinyuse abaLevi izishumi zezishumi ezo, bazizise endlwini kaThixo wethu, emagumbini endlu yobuncwane;
39 ngokuba oonyana bakaSirayeli noonyana bakaLevi baya kuzisa umrhumo wengqolowa, newayini entsha, neoli, emagumbini apho zikhona iimpahla ezingcwele, nababingeleli abalungiselelayo, nabamasango, neemvumi; indlu kaThixo wethu singayishiyi.