12 Aza onke amaYuda azisa izishumi zengqolowa, nezewayini entsha, nezeoli, koovimba.
13 Ndamisa phezu koovimba uShelemiya umbingeleli, noTsadoki umbhali, noPedaya kubaLevi; naphantsi kwezandla zabo yanguHanan unyana kaZakure, unyana kaMataniya; ngokuba bekusithiwa banyanisekile; bamiselwa ukwabela abazalwana babo.
14 Ndíkhumbule, Thixo wam, ngenxa yoko; musa ukuzicima iinceba zam, endizenzileyo endlwini kaThixo wam, nasezigxineni zayo.
15 Ngaloo mihla ndabona kwaYuda abaxovula ezixovulelweni zewayini ngesabatha, nabathutha amasinde, abathwalisa amaesile; kwanewayini, neediliya, namakhiwane, nemithwalo yonke, beyizisa eYerusalem ngemini yesabatha; ndaqononondisa ngaloo mini bathengisa ngokudla ngayo.
16 Kwakuhleli khona nabaseTire, bezisé iintlanzi neento zonke zentengiso; bethengisa ngesabatha koonyana bakaYuda eYerusalem.
17 Ndabambana nabanumzana bakwaYuda, ndathi kubo, Yintoni na le nto imbi kangaka niyenzayo, niwuhlambelayo umhla wesabatha?
18 Babengènjenalo na ooyihlo, waza uThixo wethu wasifikisela thina nalo mzi bonke obo bubi? Ke nina nongeza ukuvutha komsindo kuSirayeli, niyihlambela nje isabatha.